Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhagayi 2:15-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Kaloku ke khanigqale, nithabathele kule mini, nibhekise emva, kungekabekwa litye lityeni etempileni kaYehova;

16. nithabathèle kwelo xesha, xa umntu ebefike esitheni esimilinganiso imashumi mabini, asuke afumane libe linye ishumi; xa ebefika emkhumbini wokukhongozela iwayini, eza kukha imilinganiso emashumi mahlanu, asuke afumane amashumi amabini.

17. Ndanibetha ngembabala, nangexoshomba, nangesichotho, kuyo yonke imisebenzi yezandla zenu; noko ke akubangakho namnye kuni ubuyela kum; utsho uYehova.

18. Khanigqale, nithabathele kule mini, nibhekise emva, nithabathele kusuku lwamashumi omabini anesiné lwenyanga yesithoba kususela kuloo mini yokusekwa kwetempile kaYehova; gqalani ke.

19. Isekho yini na imbewu eqongeni? Hayi, akuxakathanga nto, kude kwesa kumdiliya, nomkhiwane, nomrharnate, nomnquma. Ndithabathele kule mini, ndiya kusikelela.

20. Kwafika ilizwi likaYehova ngokwesibini kuHagayi, ngosuku lwamashumi omabini anesiné enyangeni leyo, lisithi,

funda isahluko epheleleyo Uhagayi 2