Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhagayi 2:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lwamashumi amabini analunye enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi,

2. Khawuthethe kuZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nakuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, nakumasalela abantu, uthi,

3. Ngubani na kuni apha oseleyo, owayibonayo le ndlu isesebuqaqawulini bayo bokuqala? Niyibona iyintoni na ke ngoku? Àyinjengento engento na emehlweni enu?

4. Noko ke ngoku yomelela, Zerubhabheli, utsho uYehova; womelelé, Yoshuwa nyana kaYotsadaki, mbingeleli mkhulu; nomelele, nonke bantu belizwe, utsho uYehova, nisebenze; ngokuba ndináni, utsho uYehova wemikhosi.

5. Ilizwi elo, ndànqophisana nani ngalo ekuphumeni kwenu eYiputa, ndisaligcinile, noMoya wam umi phakathi kwenu; musani ukoyika.

6. Ngokuba uYehova wemikhosi utsho ukuthi, Kusaya kuba kanye, umzuzwana ke, ndinyikimise izulu, nehlabathi, nolwandle, nomhlaba owomileyo;

7. ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli; utsho uYehova wemikhosi.

funda isahluko epheleleyo Uhagayi 2