Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhagayi 1:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Nyukani niye kweleentaba, nize nemithi, niyakhe indlu le; ndokholiswa ke yiyo, ndizizukise; utsho uYehova.

9. Nalindela into eninzi, nantso isuke yaba yinto encinane; nithe nakùza nayo ekhaya, ndayiphephetha. Ngani ke? utsho uYehova wemikhosi; ngenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo ebalekela endlwini yakhe.

10. Ngenxa yoko, ngenxa yenu, izulu liyala nombethe, nomhlaba wala neendyebo zawo.

11. Ndabiza ukoma phezu kwelizwe, naphezu kweentaba, naphezu kwengqolowa, naphezu kwewayini entsha, naphezu kweoli, naphezu kwezinto zonke eziphuma emhlabeni, naphezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kokuxelenga konke kwezandla.

12. Baliphulaphula ke ooZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, noYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, namasalela onke abantu, ilizwi likaYehova uThixo wabo, ngokwamazwi kaHagayi umprofeti, njengoko wayemthumile uYehova uThixo wabo; boyika abantu ebusweni bukaYehova.

13. Wakuthetha uHagayi umthunywa kaYehova ukuthunywa kwakhe nguYehova ebantwini, wathi, Ndináni, utsho uYehova.

14. UYehova wawuvuselela umoya kaZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nomoya kaYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, nomoya wamasalela onke abantu. Beza ke, bawenza umsebenzi endlwini kaYehova wemikhosi, uThixo wabo,

15. ngosuku lwamashumi omabini anesiné lwenyanga yesithandathu, ngomnyaka wesibini kakumkani uDariyo.

funda isahluko epheleleyo Uhagayi 1