Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 3:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa,Kulandele icesina ezinyaweni zakhe.

6. Úmi, walishukumisa ihlabathi;Úkhangele, wazishukumisa iintlanga;Zaba nkumenkume iintaba zanini,Zasibekeka iinduli zasephakadeni;Iindlela zakhe yena zisephakadeni.

7. Ndiboné iintente zakwaKushan zisenkathazweni;Amalengalenga elizwe lakwaMidiyan adidizela.

8. Yabe iyimilambo na, Yehova,Yabe iyimilambo, kusini na, owavutha ngayo na umsindo wakho?Yabe ilulwandle, kusini na,Owaphuphumela lona umsindo wakho,Ukuze nje ukhwele emahasheni akho,Ezinqwelweni zakho zokusindisa?

9. Sizihlubile sazihluba isaphetha sakho;Zifungelwe ilizwi iintonga zokohlwaya. (Phakamisani.)Ihlabathi uligqobhoza imilambo.

10. Zikubonile, ziyankwantya iintaba,Kudlule isiphango samanzi;Amanzi anzongonzongo akhupha isandi sawo,Aziphakamisela phezulu izandla zawo.

11. Latshona ilanga nenyanga ekhayeni lazo,Ngokukhanya kweentolo zakho ezihambayo,Ngobumhlophe bokubengezela kwezikhali zakho.

12. Ùlinyathela ilizwe ubhavuma,Unyhashe iintlanga unomsindo.

13. Ùphuma ukuba usindise abantu bakho,Ukuba usindise umthanjiswa wakho;Uphaluse intloko endlwini yongendawo,Usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni. (Phakamisani.)

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 3