Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 3:12-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ùlinyathela ilizwe ubhavuma,Unyhashe iintlanga unomsindo.

13. Ùphuma ukuba usindise abantu bakho,Ukuba usindise umthanjiswa wakho;Uphaluse intloko endlwini yongendawo,Usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni. (Phakamisani.)

14. Ùyihlaba ngeentonga zakhe intloko yezimpi zakhe,Ezigalelekayo zisiza kundichitha;Ezikuvuyelela kwazo ngathi ziza kudla olusizana entsithelweni.

15. Ùnyathela ulwandle ngamahashe akho,Isiyaluyalu samanzi amaninzi.

16. Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam,Umlomo wam wabebezela seso sithonga;Kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona;Ukuba ndilindèle imini yembandezelo,Eza ebantwini oya kubangenela.

17. Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba,Kungabikho ndyebo emidiliyeni;Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso,Amasimi angabi nakudla,Iphele esibayeni impahla emfutshane,Kungabikho nkomo esitalini:

18. Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova,Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.

19. Úngamandla am uYehova iNkosi;Uzenza iinyawo zam, zibe njengezamaxhamakazi,Andinyathelise emimangweni yam.Kumongameli owokubethelwa izinto ezineentambo.

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 3