Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 3:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Zikubonile, ziyankwantya iintaba,Kudlule isiphango samanzi;Amanzi anzongonzongo akhupha isandi sawo,Aziphakamisela phezulu izandla zawo.

11. Latshona ilanga nenyanga ekhayeni lazo,Ngokukhanya kweentolo zakho ezihambayo,Ngobumhlophe bokubengezela kwezikhali zakho.

12. Ùlinyathela ilizwe ubhavuma,Unyhashe iintlanga unomsindo.

13. Ùphuma ukuba usindise abantu bakho,Ukuba usindise umthanjiswa wakho;Uphaluse intloko endlwini yongendawo,Usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni. (Phakamisani.)

14. Ùyihlaba ngeentonga zakhe intloko yezimpi zakhe,Ezigalelekayo zisiza kundichitha;Ezikuvuyelela kwazo ngathi ziza kudla olusizana entsithelweni.

15. Ùnyathela ulwandle ngamahashe akho,Isiyaluyalu samanzi amaninzi.

16. Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam,Umlomo wam wabebezela seso sithonga;Kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona;Ukuba ndilindèle imini yembandezelo,Eza ebantwini oya kubangenela.

17. Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba,Kungabikho ndyebo emidiliyeni;Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso,Amasimi angabi nakudla,Iphele esibayeni impahla emfutshane,Kungabikho nkomo esitalini:

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 3