Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 2:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Naphezu koko, iwayini ngumtshinizisi, umfo okhukhumeleyo, akahlali; yena owandisileyo umbilini wakhe njengelabafileyo, abe enjengokufa, engàneliswa, koko ezihlanganisela kuye iintlanga zonke, azibuthele kuye izizwe zonke.

6. Aziyi kuwenza umzekeliso ngaye yini na, zonke ezo ziphela, zimkwekwele, zimntsonkothele, zisithi, Uha, lowo wandisa okungekwakhe! (kunini na?) esenjenjalo ezisindanisa ngezibambiso?

7. Abakudlayo abayi kusuka beme ngesiquphe yini na, bavuke abakuqungaqungayo, ube ngamaxhoba kubo?

8. Ekubeni wena ubhunyule iintlanga ezininzi, aya kukubhunyula onke amasalela ezizwe, ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.

9. Yeha, oyizuzela indlu yakhe inzuzo embi, ukuze ayakhele phezulu indlu yakhe, ukuze azihlangule esandleni sobubi!

10. Ùyicebele ihlazo indlu yakho, ngokunqamla izizwe ezininzi; wònile kumphefumlo wakho.

11. Ngokuba ilitye eliseludongeni liya kukhala, nomqadi womthi usabele kulo.

12. Yeha ke, owakha umzi ngamagazi, oqinisa umzi ngobugqwetha!

13. Yabona, akuphumi kuYehova wemikhosi na ukuthi izizwe zizixhamlele umlilo, izizwe zizityhafisele okulambathayo?

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 2