Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 2:17-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ngokuba ukuyigonyamela kwakho iLebhanon kókugubungela; nokuchithachitha kwakho iinyamakazi, okwaziqhiphula umbilini; ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.

18. Únceda ntoni na umfanekiso oqingqiweyo, ukuba awuqingqe nje umenzi wawo? Únceda ntoni na otyhidiweyo, nomyali wobuxoki, ukuba umyili wento ayiyilileyo akholose nje ngayo, ukuze enze izinto ezingento, ezizidenge?

19. Uha, kothi emthini, Vuka! athi kwilitye elithe cwaka, Suk' ume! Lingáyala na? Nalo, lifakwe egolideni nasesilivereni; akukho nto ingumoya phakathi kwalo.

20. UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele; malithi tu ebusweni bakhe lonke ihlabathi.

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 2