Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 2:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Yeha ke, owakha umzi ngamagazi, oqinisa umzi ngobugqwetha!

13. Yabona, akuphumi kuYehova wemikhosi na ukuthi izizwe zizixhamlele umlilo, izizwe zizityhafisele okulambathayo?

14. Kuba ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.

15. Yeha, wena useza ummelwane wakho, usongezelela ubushushu bakho kuye, umnxilisa nokumnxilisa, ukuze ubondele ubuzé bakhe!

16. Ùya kuhluthiswa ngocukucezo, kungabi luzuko; sela nawe, kubonakale ukungaluki kwakho. Iya kujikela kuwe indebe yesokunene isandla sikaYehova, ucukucezo olukhulu lube phezu kozuko lwakho.

17. Ngokuba ukuyigonyamela kwakho iLebhanon kókugubungela; nokuchithachitha kwakho iinyamakazi, okwaziqhiphula umbilini; ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.

18. Únceda ntoni na umfanekiso oqingqiweyo, ukuba awuqingqe nje umenzi wawo? Únceda ntoni na otyhidiweyo, nomyali wobuxoki, ukuba umyili wento ayiyilileyo akholose nje ngayo, ukuze enze izinto ezingento, ezizidenge?

19. Uha, kothi emthini, Vuka! athi kwilitye elithe cwaka, Suk' ume! Lingáyala na? Nalo, lifakwe egolideni nasesilivereni; akukho nto ingumoya phakathi kwalo.

20. UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele; malithi tu ebusweni bakhe lonke ihlabathi.

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 2