Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 1:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Bona bacukuceza ookumkani, nezidwangube ziyintlekisa kubo; bona bayazihleka iinqaba zonke; bafumba uthuli, bazithi hlasi.

11. Baya kwandula bakhukule ngokomoya, badlule, bazeke ityala; la mandla abe nguthixo wabo.

12. Wena akunguye na owasusela kwakumandulo, Yehova, Thixo wam, ungoyiNgcwele wam? Asiyi kufa. Yehova, ubamiséle ukuba bagwebe; Liwa, ùbaseké ukuba bohlwaye.

13. Wena ungomehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi, ukuba ungabi nakukondela okubi; ùbondéle ngani na ke abanginizi, ukuba uthi cwaka njeongendawo emginya olilungisa kunaye?

14. Ulwenzé ke uluntu lwanjengeentlanzi zaselwandle, njengezinambuzane ezingenamlawuli.

15. Bonke bephela babanyusa ngeqherhu labo; babaqweqwedisa ngomnatha wabo, babahlanganise ngomnathakazi wabo; ngenxa yoko bayavuya, bagcobe.

16. Ngenxa yoko babingelela kumnatha wabo, baqhumisele kumnathakazi wabo; kuba sityebé ngezo zinto isahlulo sabo, nokudla kwabo kwaba ngamanqatha ngazo.

17. Baya kuwukhuphela na ngenxa yoko umnatha wabo, bahlale bebulala iintlanga, bangacongi na?

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 1