Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 1:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Isihlabo awasibonayo uHabhakuki umprofeti.

2. Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva; ndikhala kuwe ndisithi, Ugonyamelo, ungàsindisi?

3. Yini na ukuba undikhangelise ubutshinga, ukondele okubi? Yimbuqo nogonyamelo phambi kwam; kukho ubambano, kuphakamé ingxabano.

4. Ngenxa yoko úyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile.

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 1