Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 9:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Singáthini na kaloku, Thixo wethu, emveni koko? Kuba siyishiyile imithetho yakho, owayiwisayo ngabakhonzi bakho abaprofeti, usithi,

11. Ilizwe eniya kulíma, lilizwe lokungcola, ngokungcola kwezizwe zala mazwe, ngamasikizi azo azalisileyo, athabathela kwelinye icala esa kwelinye, ngobunqambi bazo.

12. Ke ngoko iintombi zenu musani ukuzendisela koonyana bazo, neentombi zazo musani ukuzizekela oonyana benu; ningalunyamekeli uxolo lwazo nokuzilungeleyo, naphakade; ukuze nomelele, nidle ukulunga kwelizwe elo, nilinike oonyana benu libe lilifa kude kuse ephakadeni.

13. Emveni kwako konke okusihleleyo, ngenxa yezenzo zethu ezibi, nangenxa yetyala lethu elikhulu (kanti wena, Thixo wethu, usiyekile, akwasohlwaya ngangobugwenxa bethu, wasinika abasindileyo abangakanana),

14. singábuya siyaphule na imithetho yakho, sendiselane nezizwe ezinaloo masikizi? Akuyi kusifuthela ngomsindo side siphele na, ukuze kungabikho baseleyo, basindileyo?

15. Yehova, Thixo kaSirayeli, ùlilungisa, ngokuba sisele singabasindileyo, njengoko kunjalo namhla. Uyabona, siphambi kwakho, sinalo ityala lethu, ngokuba akukho unokuma phambi kwakho ngenxa yoko.

funda isahluko epheleleyo Uezra 9