Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 8:15-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.

16. Ndathumela ukuba kubizwe ooEliyezere, noAriyeli, noShemaya, noElinatan, noYaribhi, noElinatan, noNatan, noZekariya, noMeshulam, abaziintloko; noYoyaribhi noElinatan, abaqondisi-mthetho.

17. Ndabasusa baya kuIdo, oyintloko endaweni eyiKasifiya; ndabeka amazwi emlonyeni wabo, ukuba bathethe wona kuIdo nabazalwana bakhe, abakhonzi betempile, endaweni eyiKasifiya, ukuba basizisele abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.

18. Bathi ke, ngokwesandla sikaThixo wethu esilungileyo esiphezu kwethu, babazìsa kuthi ooIshi-sekele koonyana bakaMahali, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli; noSherebhiya, noonyana bakhe nabazalwana bakhe, ishumi elinesibhozo;

19. noHashabhiya enoYeshaya koonyana bakaMerari nabazalwana bakhe, noonyana babo, amashumi amabini;

20. nakubakhonzi betempile, ababethe ooDavide nabathetheli babanikela ukuba bakhonze kubaLevi; abakhonzi betempile ibingamakhulu amabini anamanci mabini, bonke bebalulwe ngamagama.

21. Ndamema inzilo apho emlanjeni ongumAhava, ukuba sizithobe phambi koThixo wethu, sizifunele kuye indlela ethe tye, thina, nentsapho yethu, nemfuyo yethu yonke.

22. Ngokuba ndandineentloni ukuba ndicele impi nabamahashe kukumkani, ukuba basincede ezintshabeni endleleni; ngokuba besesithe kukumkani, Isandla sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abamfunayo, ukuba kulunge; namandla akhe nomsindo wakhe uyabachasa bonke abamshiyayo.

23. Sazila ukudla ke, samkhunga ngenxa yoko uThixo wethu, wathandazeka sithi.

24. Ndahlula kubathetheli bababingeleli ishumi elinababini, ngaphandle koSherebhiya, noHashabhiya, neshumi labazalwana babo;

25. ndayilinganisela kubo isilivere, negolide, nempahla, umrhumo wendlu kaThixo wethu, abawurhumayo ukumkani, namaphakathi akhe, nabathetheli bakhe, namaSirayeli onke awayekho apho.

26. Ndalinganisela esandleni sabo amakhulu amathandathu anamanci mahlanu eetalente zesilivere,* nekhulu leetalente zeempahla zesilivere, nekhulu leetalente zegolide;*

27. namashumi amabini eendebe zegolide ziliwaka leedarike,* neempahla ezimbini zobhedu olubengezela kakuhle, zinqweneleka njengegolide.

28. Ndathi kubo, Ningcwele kuYehova, iimpahla zingcwele; negolide nesilivere zingumnikelo wabaqhutywa yintliziyo, kuYehova, uThixo wooyihlo;

funda isahluko epheleleyo Uezra 8