Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 8:1-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Zizo ke ezi iintloko zezindlu zooyise, nokubhalwa kwazo emilibeni yokuzalwa, ezenyuka nam, ziphuma eBhabheli, ebukumkanini buka-Artashashta ukumkani:

2. koonyana bakaPinehasi nguGershom; koonyana bakaItamare nguDaniyeli; koonyana bakaDavide nguHatushe;

3. koonyana bakaShekaniya, koonyana bakaParoshe, nguZekariya, enamadoda abhalwe emilibeni yokuzalwa, alikhulu elinamanci mahlanu;

4. koonyana bakaPahati wakwaMowabhi nguEliyohenayi unyana kaZeraya, enamadoda angamakhulu mabini;

5. koonyana bakaShekaniya, ngunyana kaYahaziyeli, enamadoda angamakhulu amathathu;

6. koonyana baka-Adin nguEbhede unyana kaYonatan, enamadoda amashumi mahlanu;

7. koonyana bakaElam nguYeshaya unyana ka-Ataliya, enamadoda amashumi asixhenxe:

8. koonyana bakaShefatiya nguZebhadiya unyana kaMikayeli, enamadoda amashumi asibhozo;

9. koonyana bakaYowabhi nguObhadiya unyana kaYehiyeli, enamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;

10. koonyana bakaShelomiti ngunyana kaYosifiya, enamadoda alikhulu elinamanci mathandathu;

11. koonyana bakaBhebhayi nguZekariya unyana kaBhebhayi, enamadoda amashumi mabini anesibhozo;

12. koonyana baka-Azegadi nguYohanan unyana kaHakatan, enamadoda alikhulu elineshumi linye;

13. koonyana bokugqibela baka-Adonikam abamagama angala: nguElifelete, noYehiyeli, noShemaya, benamadoda amashumi mathandathu;

14. koonyana bakaBhigwayi ngu-Utayi, noZabhudi, enamadoda amashumi asixhenxe.

15. Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.

16. Ndathumela ukuba kubizwe ooEliyezere, noAriyeli, noShemaya, noElinatan, noYaribhi, noElinatan, noNatan, noZekariya, noMeshulam, abaziintloko; noYoyaribhi noElinatan, abaqondisi-mthetho.

17. Ndabasusa baya kuIdo, oyintloko endaweni eyiKasifiya; ndabeka amazwi emlonyeni wabo, ukuba bathethe wona kuIdo nabazalwana bakhe, abakhonzi betempile, endaweni eyiKasifiya, ukuba basizisele abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.

18. Bathi ke, ngokwesandla sikaThixo wethu esilungileyo esiphezu kwethu, babazìsa kuthi ooIshi-sekele koonyana bakaMahali, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli; noSherebhiya, noonyana bakhe nabazalwana bakhe, ishumi elinesibhozo;

19. noHashabhiya enoYeshaya koonyana bakaMerari nabazalwana bakhe, noonyana babo, amashumi amabini;

funda isahluko epheleleyo Uezra 8