Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 7:14-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ngokuba wena uthunywa ngukumkani namaphakathi akhe asixhenxe, ukubuzisa ngamaYuda neYerusalem, ngokomthetho kaThixo wakho osesandleni sakho;

15. uyise isilivere negolide, ayinikelayo ukumkani namaphakathi akhe, ngokuqhutywa yintliziyo, kuThixo kaSirayeli, okhaya liseYerusalem;

16. nayo yonke isilivere negolide, owoyifumana ezweni lonke laseBhabheli, kunye nomnikelo wokuqhutywa yintliziyo wabantu nababingeleli, abanikela ngokuqhutywa yintliziyo ngenxa yendlu kaThixo wabo, eseYerusalem.

17. Ngoko ke ùya kuthenga ngenyameko ngale mali iinkunzi ezintsha zeenkomo, neenkunzi zeegusha, neemvana, neminikelo yazo yokudla, nethululwayo; uyisondeze esibingelelweni sendlu kaThixo wenu eseYerusalem.

18. Nento ethe yalunga kuwe, nakubazalwana bakho, ukwenziwa ngesilivere nangegolide eseleyo, noyenza ngokokuthanda kukaThixo wenu.

19. Ke iimpahla ozinikiweyo ngenxa yombuso wendlu kaThixo wakho, zinikele ziphelele phambi koThixo eYerusalem.

20. Nezinye izinto ezifunekayo zendlu kaThixo wakho, othi kuyafuneka ukuba zinikelwe, wòzirhola endlwini yendyebo yokumkani.

21. Mna Artashashta, kumkani, ndiwisa umthetho kubo bonke abagcini-ndyebo abaphesheya koMlambo,* wokuba konke aya kukubiza kuni uEzra, umbingeleli, umbhali womthetho kaThixo wamazulu,

22. makwenziwe ngenyameko, kuse ekhulwini leetalente* zesilivere, nekhulu leekore* zengqolowa, nekhulu leebhate* zewayini, nekhulu leebhate zeoli, netyuwa ingalinganiselwa.

23. Yonke into engomthetho kaThixo wamazulu mayenzelwe indlu kaThixo wamazulu ngokuthe nqò; kuba kungàni na ukuba bufikelwe buburhalarhume ubukumkani bokumkani noonyana bakhe?

24. Makwazeke kuni, ukuba bonke ababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, nabalungiseleleli bale ndlu kaThixo, akukho bani unagunya lakubathwesa irhafu, nasithabathaba, nalunikelo.

funda isahluko epheleleyo Uezra 7