Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 5:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Incwadi leyo, ooTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane bakhe bama-Afarseka banganeno koMlambo, bayithumelayo kuDariyo ukumkani,

7. bayithumela loo ndawo kuye; kwabhalwa kwathiwa kuyo:KuDariyo ukumkani, uxolo luphelele.

8. Makwazeke kukumkani, ukuba saya ezweni lakwaYuda, endlwini kaThixo omkhulu. Iyakhiwa ngamatye anzima, nemithi iyafakwa ezindongeni; lo msebenzi usetyenzwa ngenyameko, uyaphumelela ezandleni zabo.

9. Saza sabuza kumadoda lawo makhulu, sathi kuwo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga?

10. Sabuza kuwo namagama awo, ukuba sikwazise wena, siwabhale amagama amadoda aziintloko kuwo.

11. Enjenje ke ukusibuyisela impendulo, athi, Singabàkhe, singabakhonzi bakaThixo wamazulu nehlabathi. Sakha le ndlu yakhiwáyo iminyaka emininzi eyadlulayo, yakhiwa yafezwa ngukumkani omkhulu wakwaSirayeli.

12. Ngokokuba oobawo bamqumbisayo uThixo wamazulu, wabanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umKaledi. Yena wayichitha le ndlu, wabafudusela eBhabheli abantu.

13. Kodwa ngomnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani waseBhabheli, ukumkani uKoreshi wawisa umthetho wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo.

14. Kananjalo iimpahla zendlu kaThixo zegolide nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni eseYerusalem, awazizisayo etempileni yaseBhabheli, ezo wazikhupha uKoreshi ukumkani etempileni yaseBhabheli: zanikelwa kogama linguSheshbhatsare, awammisayo ukuba abe libamba.

15. Wathi kuye, Thabatha ezi mpahla, hamba, uzise etempileni eseYerusalem, indlu kaThixo yakhelwe endaweni yayo.

funda isahluko epheleleyo Uezra 5