Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 5:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ke iliso loThixo wawo libe liphezu kwamadoda amakhulu amaYuda, ukuba bangawabambezeli, ide loo ndawo iye kuDariyo, bakhuphe incwadi ngayo loo ndawo.

6. Incwadi leyo, ooTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane bakhe bama-Afarseka banganeno koMlambo, bayithumelayo kuDariyo ukumkani,

7. bayithumela loo ndawo kuye; kwabhalwa kwathiwa kuyo:KuDariyo ukumkani, uxolo luphelele.

8. Makwazeke kukumkani, ukuba saya ezweni lakwaYuda, endlwini kaThixo omkhulu. Iyakhiwa ngamatye anzima, nemithi iyafakwa ezindongeni; lo msebenzi usetyenzwa ngenyameko, uyaphumelela ezandleni zabo.

9. Saza sabuza kumadoda lawo makhulu, sathi kuwo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga?

10. Sabuza kuwo namagama awo, ukuba sikwazise wena, siwabhale amagama amadoda aziintloko kuwo.

11. Enjenje ke ukusibuyisela impendulo, athi, Singabàkhe, singabakhonzi bakaThixo wamazulu nehlabathi. Sakha le ndlu yakhiwáyo iminyaka emininzi eyadlulayo, yakhiwa yafezwa ngukumkani omkhulu wakwaSirayeli.

12. Ngokokuba oobawo bamqumbisayo uThixo wamazulu, wabanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umKaledi. Yena wayichitha le ndlu, wabafudusela eBhabheli abantu.

13. Kodwa ngomnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani waseBhabheli, ukumkani uKoreshi wawisa umthetho wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Uezra 5