Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 4:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. OoRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, babhala incwadi ngeYerusalem kuArtashashta ukumkani, ngolu hlobo.

9. Bathumela ke ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo bamaDina, nabama-Afarsateki, nabamaTarpela, nabama-Afarsi, nabama-Arki, nabamaBhabheli, nabamaShushanki,

10. nabamaDehavi, nabamaElam, nezinye izizwe, awazithimbayo uOsnapare omkhulu obekekileyo, wazibeka emzini wakwaSamari, nakweminye nganeno koMlambo,* nakwezinye iindawo.

11. Yiyo le incwadi abayithumela kuArtashashta ukumkani, ithi:Abakhonzi bakho, amadoda anganeno koMlambo, njalonjalo.

12. Makwazeke kukumkani, ukuba amaYuda anyukileyo evela kuwe, afikile kuthi eYerusalem; ayawakha umzi ogwilikayo, ongendawo; ayazimisa iindonga zawo, ayazimbela iziseko.

13. Makwazeke ngoku kukumkani, ukuba óthi, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, angarholi rhafu nasithabathaba, nalunikelo, kude kuye kuxhwaleka ookumkani.

14. Kaloku, ngenxa enokuba sisidla ityuwa yasebhotwe, kwaye kungafanelekile kuthi ukubona ukumkani encitshiswa. Ngako oko siyathumela,

15. simazisa ukumkani, ukuze kuphicothwe encwadini yezikhumbuzo ezo zooyihlo, wazi ukuba lo mzi waba ngumzi ogwilikayo, owaxhwalekisa ookumkani namazwe, kwenziwa, isiphendu phakathi kwawo kwakudala, waba linxuwa lo mzi ngenxa yoko.

16. Siyamazisa ukumkani ukuba, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, wòthi ngenxa yelo thuba ungabi nasabelo wena nganeno koMlambo.

17. Waza ukumkani wabathumela impendulo ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo abahleli kwaSamari, nabanye abanganeno koMlambo, wathi:

funda isahluko epheleleyo Uezra 4