Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 4:14-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kaloku, ngenxa enokuba sisidla ityuwa yasebhotwe, kwaye kungafanelekile kuthi ukubona ukumkani encitshiswa. Ngako oko siyathumela,

15. simazisa ukumkani, ukuze kuphicothwe encwadini yezikhumbuzo ezo zooyihlo, wazi ukuba lo mzi waba ngumzi ogwilikayo, owaxhwalekisa ookumkani namazwe, kwenziwa, isiphendu phakathi kwawo kwakudala, waba linxuwa lo mzi ngenxa yoko.

16. Siyamazisa ukumkani ukuba, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, wòthi ngenxa yelo thuba ungabi nasabelo wena nganeno koMlambo.

17. Waza ukumkani wabathumela impendulo ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo abahleli kwaSamari, nabanye abanganeno koMlambo, wathi:

funda isahluko epheleleyo Uezra 4