57. oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Ami.
58. Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.
59. Ngaba abenyuka, bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adan-imere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise, nembewu yabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:
60. oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu anamanci mahlanu anababini.
61. Ke koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotsi, oonyana bakaBharzilayi (owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo),
62. abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwe emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.
63. Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.*