Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 2:31-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Oonyana bomnye uElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci amahlanu anabané.

32. Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini.

33. Oonyana baseLodi neHadide neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anabahlanu.

34. Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mané anabahlanu.

35. Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu amathandathu, anamanci mathathu.

36. Ababingeleli: oonyana bakaYedaya bendlu kaYeshuwa ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.

37. Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.

38. Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe.

39. Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.

40. AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabané.

41. Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.

42. Oonyana babamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, bebonke ibilikhulu, elinamanci mathathu anesithoba.

43. Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhayoti,

44. oonyana bakaKerose, oonyana bakaSiyaha, oonyana bakaPadon,

45. oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana baka-Akubhi,

46. oonyana bakaHagabhi, oonyana bakaShalemayi, oonyana bakaHanan,

47. oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare, oonyana bakaRehaya,

48. oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, oonyana bakaGazam,

49. oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, oonyana bakaBhesayi,

50. oonyana baka-Asna, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefusim,

51. oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHar-hure,

funda isahluko epheleleyo Uezra 2