Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 2:28-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Amadoda aseBheteli neAyi ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anamathathu.

29. Oonyana baseNebho ibingamashumi amahlanu anababini.

30. Oonyana bakaMagebhishe ibilikhulu, elinamanci mahlanu anabathandathu.

31. Oonyana bomnye uElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci amahlanu anabané.

32. Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini.

33. Oonyana baseLodi neHadide neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anabahlanu.

34. Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mané anabahlanu.

35. Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu amathandathu, anamanci mathathu.

36. Ababingeleli: oonyana bakaYedaya bendlu kaYeshuwa ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.

37. Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.

38. Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe.

39. Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.

40. AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabané.

41. Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.

42. Oonyana babamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, bebonke ibilikhulu, elinamanci mathathu anesithoba.

43. Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhayoti,

44. oonyana bakaKerose, oonyana bakaSiyaha, oonyana bakaPadon,

45. oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana baka-Akubhi,

46. oonyana bakaHagabhi, oonyana bakaShalemayi, oonyana bakaHanan,

funda isahluko epheleleyo Uezra 2