Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 10:9-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Abuthelana eYerusalem onke amadoda akwaYuda nawakwaBhenjamin ngeentsuku ezintathu; yaye iyinyanga yesithoba, ngowamashumi amabini umhla wenyanga leyo. Bahlala bonke abantu ebaleni lendlu kaThixo, bengcangcazela yile nto, naziimvula.

10. Wesuka wema uEzra umbingeleli, wathi kubo, Nenzé ubumenemene; nizeké abafazi bezinye iintlanga, ukuze nongeze etyaleni lamaSirayeli.

11. Mzukiseni ngokunje uYehova, uThixo wooyihlo, nenze okukholekileyo kuye, nizahlule kwizizwe zeli lizwe, nakubafazi bezinye iintlanga.

12. Laphendula lonke ibandla, lathi ngezwi elikhulu, Kufanelekile kuthi, ukuba senze ngokwelizwi lakho;

13. kodwa abantu baninzi, yaye ilixesha lemvula, akunakumiwa phandle; lo msebenzi àsingowemini enye, asingoweemini ezimbini; ngokuba soné kakhulu ngale nto.

14. Abathetheli bethu ke mabaliméle ibandla lonke; bathi bonke emizini yethu, abazeké abafazi bezinye iintlanga, beze ngamaxesha amisiweyo, benamadoda amakhulu emizi ngemizi, nabagwebi bayo, kude kubuyiswe kuthi ukuvutha komsindo woThixo wethu, isekho nje le nto.

15. NgooYonatan unyana ka-Asayeli, noYazeya unyana kaTikwa, bodwa abamelana nelo lizwi; ooMeshulam, noShabhetayi umLevi, bebancedisa.

16. Benjenjalo ke oonyana basemfudusweni. Kwahlulwa ooEzra umbingeleli, namadoda aziintloko zezindlu zooyise ngokwezindlu zooyise, bonke bephela, bebalulwe ngamagama, bahlala phantsi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi ukuyibuza le nto.

17. Bayigqiba into yonke yamadoda abezeké abafazi bezinye iintlanga, elusukwini lokuqala lwenyanga yokuqala.

18. Koonyana bababingeleli kwafunyanwa ababezeke abafazi bezinye iintlanga: koonyana bakaYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe: ingooMahaseya, noEliyezere, noYaribhi, noGedaliya.

19. Banika isandla sabo, ukuba bobakhupha abafazi babo; bathi, benetyala nje, bakhuphe inkunzi yasempahleni emfutshane ngenxa yetyala labo;

20. koonyana bakaImere yanguHanani noZebhadiya;

21. koonyana bakaHarim yanguMahaseya, noEliya, noShemaya, noYehiyeli, noUziya;

funda isahluko epheleleyo Uezra 10