Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 10:16-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Benjenjalo ke oonyana basemfudusweni. Kwahlulwa ooEzra umbingeleli, namadoda aziintloko zezindlu zooyise ngokwezindlu zooyise, bonke bephela, bebalulwe ngamagama, bahlala phantsi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi ukuyibuza le nto.

17. Bayigqiba into yonke yamadoda abezeké abafazi bezinye iintlanga, elusukwini lokuqala lwenyanga yokuqala.

18. Koonyana bababingeleli kwafunyanwa ababezeke abafazi bezinye iintlanga: koonyana bakaYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe: ingooMahaseya, noEliyezere, noYaribhi, noGedaliya.

19. Banika isandla sabo, ukuba bobakhupha abafazi babo; bathi, benetyala nje, bakhuphe inkunzi yasempahleni emfutshane ngenxa yetyala labo;

20. koonyana bakaImere yanguHanani noZebhadiya;

21. koonyana bakaHarim yanguMahaseya, noEliya, noShemaya, noYehiyeli, noUziya;

22. koonyana bakaPashure yanguEliyohenayi, noMahaseya, noIshmayeli, noNataniyeli, noYozabhadi, noEliyasa;

23. nakubaLevi; yanguYozabhadi, noShimehi, noKelaya okwanguKelita, noPetaya, noYuda, noEliyezere;

24. kwiimvumi yanguEliyashibhi; kwabamasango yanguShalum, noTelem, noUri; kumaSirayeli:

25. koonyana bakaParoshe yanguRamiya, noIziya, noMalekiya, noMiyamin, noElazare, noMalekiya, noBhenaya;

26. koonyana bakaElam yanguMataniya, noZekariya, noYehiyeli, noAbhedi, noYeremoti, noEliya;

27. koonyana bakaZatu yanguEliyohenayi, noEliyashibhi, noMataniya, noYeremoti, noZabhadi, noAziza;

28. nakoonyana bakaBhebhayi yanguYohanan, noHananiya, noZabhadi, noAtelayi;

29. koonyana bakaBhani yanguMeshulam, noMaluki, noAdaya, noYashubhi, noShehali, noYeremoti;

30. koonyana bakaPahati wakwaMowabhi yanguAdena, noKelali, noBhenaya, noMahaseya, noMataniya, noBhetsaleli, noBhinwi, noManase;

31. koonyana bakaHarim yanguEliyezere, noIshiya, noMalekiya, noShemaya, noSimon,

32. noBhenjamin, noMaluki, noShemariya;

33. koonyana bakaHashum yanguMatenayi, noMatata, noZabhadi, noElifelete, noYeremayi, noManase, noShimehi;

funda isahluko epheleleyo Uezra 10