Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 1:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Onke amasalela, ezindaweni zonke aphambukéle kuzo, makancedwe ngamadoda aloo ndawo akuyo ngesilivere, negolide, nempahla, neenkomo, kunye nomnikelo wabaqhutywa yintliziyo, wendlu kaThixo eseYerusalem.

5. Zesuka ke iintloko zezindlu zooyise zakwaYuda, nezakwaBhenjamin, nezababingeleli, nezabaLevi, bonke abo uThixo wawuxhokonxayo umoya wabo, ukuba banyuke, baye kuyakha indlu kaYehova eseYerusalem.

6. Bonke ababebangqongile babancedisa ngezitya zesilivere, nangegolide, nangempahla, nangeenkomo, nangezinto ezinqabileyo; ngaphandle kwazo zonke ezibe zinikwe ngabantu ngokuqhutywa yintliziyo.

7. Ke ukumkani uKoreshi wazirhola iimpahla zendlu kaYehova, awayezithabathe eYerusalem uNebhukadenetsare, wazibeka endlwini yoothixo bakhe.

8. UKoreshi ukumkani wasePersi wazirhola, wazinikela kuMitredati, umgcinindyebo, wazibalela kuSheshbhatsare, isikhulu sakwaYuda.

9. Lilo eli inani lazo: izitya zegolide zamashumi mathathu, izitya zesilivere zaliwaka, iinkamba zamashumi mabini anesithoba,

10. iindebe zegolide zamashumi mathathu, iindebe zesilivere zohlobo lwesibini zamakhulu mané anashumi linye, iimpahla ezizimbi zaliwaka.

11. Zonke iimpahla zegolide nezesilivere zaba mawaka mahlanu anamakhulu amané. Zonke ezo nto wazinyusa uSheshbhatsare, ekunyusweni kwababethinjelwe eBhabheli, beziswa eYerusalem.

funda isahluko epheleleyo Uezra 1