Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 9:27-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. nangenxa yawahlelwa kukho, amaYuda akumisa, akuthabathela kuwo, nakwimbewu yawo, nakubo bonke abathelela kuwo, ngokuze kungatshitshi, ukuthi ayimise loo mihla yomibini ngokwesibhalo esibhalwe ngayo, nangokumiswa kwexesha layo, iminyaka ngeminyaka yonke;

28. ikhunjulwe loo mihla, yenziwe kwizizukulwana ngezizukulwana zonke, kwimizalwane ngemizalwane, kumazwe ngamazwe, kwimizi ngemizi; ingàtshitshi loo mihla yePuri phakathi kwamaYuda, ukukhunjulwa kwayo kungapheli embewini yawo.

29. Babhala ke ooEstere ukumkanikazi, intombi ka-Abhihayili, noMordekayi umYuda, bamisa ngokuqinileyo konke, le ncwadi yesibini yePuri.

30. Wathumela iincwadi kumaYuda onke, emazweni alikhulu elinamanci mabini anesixhenxe obukumkani buka-Ahaswerosi, amazwi oxolo nenyaniso,

31. okumisa loo mihla yePuri ngamaxesha ayo amisiweyo, ngoko bamisa ngako ooMordekayi umYuda noEstere ukumkanikazi, nangoko amaYuda azimisela ngako okwawo, nembewu yawo, amazwi okuzila ukudla nokukhala kwawo.

32. Ilizwi likaEstere lazimisa izinto zaloo Puri, labhalwa encwadini.

funda isahluko epheleleyo Uestere 9