Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 9:21-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. ewamisela ukuba awugcine umhla weshumi elinesiné wenyanga enguAdare, nomhla weshumi elinesihlanu kuyo, iminyaka ngeminyaka yonke,

22. njengokuba iyimihla awaphumla ngayo amaYuda ezintshabeni zawo; iyinyanga esaguqulwa ngawo isingqala saba luvuyo, isijwili saba ngumhla wokuchwayitha; ayènze yona ibe yimihla yesidlo, nomvuyo, neyokuthumelana izabelo, neyokupha amahlwempu izipho.

23. Aza amaYuda azimisela ukwenza njengoko abeqalile, nanjengoko uMordekayi ebewabhalele;

24. ngokuba uHaman unyana kaHamedata, umAgagi, umbandezeli wamaYuda onke, wayewacingele ukuwatshabalalisa amaYuda, wawisa iPuri (iqashiso ke elo), ukuba awadubadube, awatshabalalise.

25. Ekufikeni kwaloo nto phambi kokumkani, wathi ngencwadi mayibuyiselwe entlokweni yakhe ingcinga yakhe embi, abeyicingele amaYuda, bamxhome yena noonyana bakhe emthini.

26. Ngenxa yoko bathi loo mihla yiPuri,* beyibiza ngegama leqashiso. Ngenxa yoko, ngenxa yamazwi onke aloo ncwadi, nangenxa yawakubonáyo kuloo nto,

27. nangenxa yawahlelwa kukho, amaYuda akumisa, akuthabathela kuwo, nakwimbewu yawo, nakubo bonke abathelela kuwo, ngokuze kungatshitshi, ukuthi ayimise loo mihla yomibini ngokwesibhalo esibhalwe ngayo, nangokumiswa kwexesha layo, iminyaka ngeminyaka yonke;

28. ikhunjulwe loo mihla, yenziwe kwizizukulwana ngezizukulwana zonke, kwimizalwane ngemizalwane, kumazwe ngamazwe, kwimizi ngemizi; ingàtshitshi loo mihla yePuri phakathi kwamaYuda, ukukhunjulwa kwayo kungapheli embewini yawo.

29. Babhala ke ooEstere ukumkanikazi, intombi ka-Abhihayili, noMordekayi umYuda, bamisa ngokuqinileyo konke, le ncwadi yesibini yePuri.

30. Wathumela iincwadi kumaYuda onke, emazweni alikhulu elinamanci mabini anesixhenxe obukumkani buka-Ahaswerosi, amazwi oxolo nenyaniso,

31. okumisa loo mihla yePuri ngamaxesha ayo amisiweyo, ngoko bamisa ngako ooMordekayi umYuda noEstere ukumkanikazi, nangoko amaYuda azimisela ngako okwawo, nembewu yawo, amazwi okuzila ukudla nokukhala kwawo.

funda isahluko epheleleyo Uestere 9