Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 9:18-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ke amaYuda aseShushan abizelana ndawonye ngomhla weshumi elinesithathu kuyo, nangomhla weshumi elinesiné kuyo, aphumla ngomhla weshumi elinesihlanu kuyo, awenza umhla wesidlo nowokuvuya.

19. Ngenxa yoko amaYuda asemaphandleni, abehlala emizini esemaphandleni, awenza umhla weshumi elinesiné wenyanga enguAdare, ukuba ube ngowovuyo nowesidlo, umhla wokuchwayitha nowokuthumelana izabelo.

20. UMordekayi wazibhala ezo nto, wathumela iincwadi kumaYuda onke, abesemazweni onke kakumkani uAhaswerosi, akufuphi kwanakude;

21. ewamisela ukuba awugcine umhla weshumi elinesiné wenyanga enguAdare, nomhla weshumi elinesihlanu kuyo, iminyaka ngeminyaka yonke,

22. njengokuba iyimihla awaphumla ngayo amaYuda ezintshabeni zawo; iyinyanga esaguqulwa ngawo isingqala saba luvuyo, isijwili saba ngumhla wokuchwayitha; ayènze yona ibe yimihla yesidlo, nomvuyo, neyokuthumelana izabelo, neyokupha amahlwempu izipho.

23. Aza amaYuda azimisela ukwenza njengoko abeqalile, nanjengoko uMordekayi ebewabhalele;

24. ngokuba uHaman unyana kaHamedata, umAgagi, umbandezeli wamaYuda onke, wayewacingele ukuwatshabalalisa amaYuda, wawisa iPuri (iqashiso ke elo), ukuba awadubadube, awatshabalalise.

25. Ekufikeni kwaloo nto phambi kokumkani, wathi ngencwadi mayibuyiselwe entlokweni yakhe ingcinga yakhe embi, abeyicingele amaYuda, bamxhome yena noonyana bakhe emthini.

26. Ngenxa yoko bathi loo mihla yiPuri,* beyibiza ngegama leqashiso. Ngenxa yoko, ngenxa yamazwi onke aloo ncwadi, nangenxa yawakubonáyo kuloo nto,

27. nangenxa yawahlelwa kukho, amaYuda akumisa, akuthabathela kuwo, nakwimbewu yawo, nakubo bonke abathelela kuwo, ngokuze kungatshitshi, ukuthi ayimise loo mihla yomibini ngokwesibhalo esibhalwe ngayo, nangokumiswa kwexesha layo, iminyaka ngeminyaka yonke;

28. ikhunjulwe loo mihla, yenziwe kwizizukulwana ngezizukulwana zonke, kwimizalwane ngemizalwane, kumazwe ngamazwe, kwimizi ngemizi; ingàtshitshi loo mihla yePuri phakathi kwamaYuda, ukukhunjulwa kwayo kungapheli embewini yawo.

funda isahluko epheleleyo Uestere 9