Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 9:14-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wathi ukumkani, Makwenjiwe njalo. Kwawiswa ke umthetho eShushan, kwaxhonywa oonyana abalishumi bakaHaman.

15. Abizelana ndawonye amaYuda aseShushan nangomhla weshumi elinesiné wenyanga enguAdare, abulala eShushan amakhulu amathathu amadoda; amaxhoba akawachukumisanga.

16. Ke namanye amaYuda abesemazweni okumkani abizelana ndawonye, akhusela ubomi bawo, aphumla ezintshabeni zawo, abulala kwabo babewathiyile amashumi asixhenxe anesihlanu amawaka; amaxhoba akawachukumisanga.

17. Kwenzeka oku ngomhla weshumi elinesithathu wenyanga enguAdare; aphumla ngomhla weshumi elinesiné kuyo, awenza umhla wesidlo nowokuvuya.

18. Ke amaYuda aseShushan abizelana ndawonye ngomhla weshumi elinesithathu kuyo, nangomhla weshumi elinesiné kuyo, aphumla ngomhla weshumi elinesihlanu kuyo, awenza umhla wesidlo nowokuvuya.

19. Ngenxa yoko amaYuda asemaphandleni, abehlala emizini esemaphandleni, awenza umhla weshumi elinesiné wenyanga enguAdare, ukuba ube ngowovuyo nowesidlo, umhla wokuchwayitha nowokuthumelana izabelo.

20. UMordekayi wazibhala ezo nto, wathumela iincwadi kumaYuda onke, abesemazweni onke kakumkani uAhaswerosi, akufuphi kwanakude;

21. ewamisela ukuba awugcine umhla weshumi elinesiné wenyanga enguAdare, nomhla weshumi elinesihlanu kuyo, iminyaka ngeminyaka yonke,

22. njengokuba iyimihla awaphumla ngayo amaYuda ezintshabeni zawo; iyinyanga esaguqulwa ngawo isingqala saba luvuyo, isijwili saba ngumhla wokuchwayitha; ayènze yona ibe yimihla yesidlo, nomvuyo, neyokuthumelana izabelo, neyokupha amahlwempu izipho.

23. Aza amaYuda azimisela ukwenza njengoko abeqalile, nanjengoko uMordekayi ebewabhalele;

24. ngokuba uHaman unyana kaHamedata, umAgagi, umbandezeli wamaYuda onke, wayewacingele ukuwatshabalalisa amaYuda, wawisa iPuri (iqashiso ke elo), ukuba awadubadube, awatshabalalise.

25. Ekufikeni kwaloo nto phambi kokumkani, wathi ngencwadi mayibuyiselwe entlokweni yakhe ingcinga yakhe embi, abeyicingele amaYuda, bamxhome yena noonyana bakhe emthini.

26. Ngenxa yoko bathi loo mihla yiPuri,* beyibiza ngegama leqashiso. Ngenxa yoko, ngenxa yamazwi onke aloo ncwadi, nangenxa yawakubonáyo kuloo nto,

27. nangenxa yawahlelwa kukho, amaYuda akumisa, akuthabathela kuwo, nakwimbewu yawo, nakubo bonke abathelela kuwo, ngokuze kungatshitshi, ukuthi ayimise loo mihla yomibini ngokwesibhalo esibhalwe ngayo, nangokumiswa kwexesha layo, iminyaka ngeminyaka yonke;

funda isahluko epheleleyo Uestere 9