Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 8:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngaloo mini, ukumkani uAhaswerosi wamnika uEstere ukumkanikazi indlu kaHaman, umbandezeli wamaYuda. UMordekayi weza phambi kokumkani; kuba uEstere ubeyixelile into abeyiyo kuye.

2. Ukumkani wakhulula umsesane wakhe, abewuthabathe kuHaman, wanika uMordekayi. UEstere wammisa uMordekayi phezu kwendlu kaHaman.

3. Waphinda uEstere, wathetha phambi kokumkani, ewé phambi kweenyawo zakhe, elila etarhuzisa kuye, ukuba abutshitshise ububi bukaHaman umAgagi, nengcinga yakhe abeyicingile ngamaYuda.

4. Waza ukumkani wayolulela kuEstere intonga yegolide; wavuka uEstere, wema phambi kokumkani.

5. Wathi, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba ndithe ndababalwa nguye, yafaneleka le nto phambi kokumkani, nam ndalunga emehlweni akhe: makubhalwe zibuye iincwadi zengcinga kaHaman unyana kaHamedata, umAgagi, awazibhalela ukuwatshabalalisa amaYuda asemazweni onke kakumkani.

6. Kuba ndingáthini na ukuba nako ukububonela ububi obuyà kubazela abantu bakowethu? Ndingathini na ukuba nako ukukubona ukutshatyalaliswa kwemizalwane yam?

7. Wathi ukumkani uAhaswerosi kuEstere ukumkanikazi, nakuMordekayi umYuda, Yabonani, indlu kaHaman ndiyinike uEstere; yena ngokwakhe bamxhoma emthini, ngenxa yokuba wasa isandla sakhe kumaYuda.

8. Ngoko ke, nina bhalani ngamaYuda ngoko kulungileyo emehlweni enu egameni lokumkani, nitywine ngomsesane wokumkani; kuba incwadi ebhalwe egameni lokumkani, yatywinwa ngomsesane wokumkani, akukho unokuyibuyisa.

funda isahluko epheleleyo Uestere 8