Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 7:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wathi ukumkani kuEstere nangomhla wesibini, besesidlweni sewayini, Ùcela ntoni na, Estere, kumkanikazi? woyinikwa; ùfuna ntoni na? woyenzelwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.

3. Waphendula uEstere ukumkanikazi, wathi, Ukuba ndithe ndababalwa nguwe, kumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe ubomi bam ngokucela kwam, nabantu bakowethu ngokuthandaza kwam.

4. Kuba kuthengisiwe ngathi, mna nabantu bakowethu, ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sisingelwe phantsi. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana, ndinge ndithe cwaka; ngokuba umbandezeli lowo ubengeyibuyiseli inkxwaleko yokumkani.

5. Waza ukumkani uAhaswerosi wathi kuEstere ukumkanikazi, Ngubani na lowo? úphi na yena lowo, uzalise intliziyo yakhe ukwenjenjalo?

6. Wathi uEstere, Indoda engumbandezeli, elutshaba, ngulo Haman ungendawo. Wadandatheka ke uHaman ebusweni bokumkani nokumkanikazi.

7. Wesuka ke ukumkani enomsindo esidlweni sewayini, waya emyezweni wendlu. Ke uHaman wema, ebuthandazela ubomi bakhe kuEstere ukumkanikazi; kuba ebebona ukuba ukumkani ugqibe kwelobubi kuye.

funda isahluko epheleleyo Uestere 7