Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 6:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngobo busuku, bemka àbabakho ubuthongo kukumkani; wathi maziziswe iincwadi zezikhumbuzo zemicimbi yemihla; zamana zileswa phambi kokumkani.

2. Kwafunyanwa kubhaliwe okokuba uMordekayi wabaxela ooBhigetan noTereshe, amathenwa amabini okumkani, abagcini bomnyango, ababefuna ukumsa izandla ukumkani uAhaswerosi.

3. Wathi ukumkani, Wenzelwe mbekoni na, nabukhulu buni na uMordekayi ngenxa yoko? Athi amadodana akwakumkani, abelungiselela kuye, Akenzelwanga nto.

4. Wathi ukumkani, Ngubani na osentendelezweni?Ke kaloku uHaman ubengene entendelezweni engaphandle yendlu yokumkani, esiza kuthi kukumkani, makaxhonywe uMordekayi emthini, abemlungisele wona.

5. Athi amadodana akwakumkani kuye, Nankuya uHaman emi entendelezweni. Wathi ukumkani, Makangene.

6. Wangena ke uHaman.Wathi ukumkani kuye, Makwenziwe ntoni na kwindoda, athanda ukuyibeka embekweni ukumkani? Wathi uHaman entliziyweni yakhe, Ukumkani angathanda ukubeka bani na embekweni agqithe mna?

7. Wathi uHaman kukumkani, Indoda athandayo ukuyibeka embekweni ukumkani,

8. mabazise isambatho sobukumkani, ambatha sona ukumkani, nehashe akhwela kulo ukumkani, lubekwe entlokweni yayo unkontsho lobukumkani;

9. basinikele isambatho eso nehashe elo esandleni somthetheli wakumawaba okumkani, bayambathise indoda leyo athanda ukuyibeka embekweni ukumkani, bayikhwelise ehasheni elo, icande ezitratweni zomzi, badanduluke phambi kwayo, bathi, Kwenjiwa nje, kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani.

funda isahluko epheleleyo Uestere 6