Wathi uHaman kukumkani uAhaswerosi, Kukho abantu abathile abathe saa, abangené phakathi kwezizwe emazweni onke obukumkani bakho; nemithetho yabo yahlukile kweyabantu bonke, abayenzi imithetho yokumkani; akufanelekile kukumkani ukubayeka.