Wakucekisa ukuba amse izandla uMordekayi yedwa; kuba ubebaxelelwe abantu bakuloMordekayi; wangxamela ke uHaman ukuwatshabalalisa onke amaYuda abesebukumkanini bonke buka-Ahaswerosi, abantu bakuloMordekayi.