Kwathi ekuvakaleni kwelizwi lokumkani nomthetho wakhe, ekuhlanganisweni kweentombi ezininzi eShushan komkhulu, phantsi kwesandla sikaHegayi, wasiwa noEstere endlwini yokumkani, phantsi kwesandla sikaHegayi, umgcini wabafazi.