Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 2:14-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ibisakuya ngokuhlwa, ngengomso ibuyele kweyesibini indlu yabafazi, ephantsi kogcino lukaShahashgazi, ithenwa lokumkani, umgcini wamashweshwe. Ibingabi saya kukumkani, engayinanzanga ukumkani, ayibize ngegama.

15. Ekufikeni kwexesha likaEstere, intombi ka-Abhihayili, uyisekazi kaMordekayi, obeyithabathe ukuba ibe yintombi yakhe, lokuba aye kukumkani, akafunanga nto ingàxelwanga nguHegayi ithenwa lokumkani, umgcini wabafazi. UEstere wababalwa ngabo bonke abambonáyo.

16. Wasiwa ke uEstere kukumkani uAhaswerosi, endlwini yakhe yobukumkani, ngenyanga yeshumi (leyo yinyanga enguTebhete), ngomnyaka wesixhenxe wobukumkani bakhe.

17. Ukumkani wamthanda uEstere ngaphezu kwabafazi bonke; wambabala, wamenzela inceba ngaphezu kweentombi zonke; unkontsho lobukumkanikazi walubeka entlokweni yakhe, wamenza ukumkanikazi esikhundleni sikaVashti.

18. Ukumkani wabenzela isidlo esikhulu abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe, isidlo sikaEstere; wawaphumza amazwe, wapha izipho ngokwamandla okumkani.

19. Ke kaloku ekuhlanganisweni kweentombi okwesibini, ubehleli uMordekayi esangweni lokumkani.

20. UEstere ubengayixelanga imizalwane yakhe nabantu bakowabo, njengoko uMordekayi wayemmisele; ngokuba ilizwi likaMordekayi ubelenza uEstere, njengokuba wayesondliwa nguye.

21. Ngaloo mihla kwathi, uMordekayi ehleli esangweni lokumkani, baba noburhalarhume uBhigetan noTereshe, amathenwa amabini okumkani, abagcini bomnyango, bafuna ukumsa izandla ukumkani uAhaswerosi.

22. Yaziwa loo nto nguMordekayi, waxelela uEstere ukumkanikazi; uEstere waxelela ukumkani egameni likaMordekayi.

23. Yancinwa loo nto, yafunyanwa; baxhonywa bobabini emthini. Yabhalwa loo nto encwadini yemicimbi yemihla phambi kokumkani.

funda isahluko epheleleyo Uestere 2