Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 1:9-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kananjalo uVashti ukumkanikazi wenzela abafazi isidlo endlwini yakomkhulu, ebiyekakumkani uAhaswerosi.

10. Ngomhla wesixhenxe, xa intliziyo yokumkani yayimnandi yiwayini, wabayalela ooMehuman, noBhizeta, noHarbhona, noBhigeta, noAbhageta, noZetare, noKarkasi, ababusi abasixhenxe abalungiselelayo ebusweni bokumkani, wathi,

11. mabamzise uVashti ukumkanikazi phambi kokumkani enonkontsho lobukumkanikazi, ukuba abonise abantu nabathetheli ubuhle bakhe; ngokuba ebeyinzwakazi, imbonakalo yakhe.

12. Akavumanga ukumkanikazi uVashti ukuza ngelizwi lokumkani ngababusi abo. Waba noburhalarhume obukhulu ukumkani, bavutha ubushushu bakhe kuye.

13. Wathi ke ukumkani kwizilumko eziwaziyo amaxesha (ngokuba ibisenjiwa njalo into yokumkani phambi kwabo bonke abawaziyo umthetho nesiko; ababekufuphi kuye,

14. ooKarshena, noShetare, noAdemata, noTarshishe, noMeres, noMarsena, noMemukan, abathetheli abasixhenxe bamaPersi namaMedi, ababebubona ubuso bokumkani, ababehlala ezihlalweni zobukhulu ebukumkanini), wathi,

15. Ngokomthetho angénziwa ntoni na ukumkanikazi uVashti, ngenxa yokuba engalenzanga ilizwi lokumkani uAhaswerosi ngababusi?

16. Wathi uMemukan phambi kokumkani nabathetheli, UVashti ukumkanikazi akaphosise kukumkani yedwa; uphosise nakubathetheli bonke, nakwizizwe zonke ezisemazweni onke okumkani uAhaswerosi.

17. Kuba le ndawo yokumkanikazi iya kuphuma, ifikelele kubafazi bonke, adeleke amadoda abo emehlweni abo, xa kuthiwa, Ukumkani uAhaswerosi wathi makeziswe uVashti ukumkanikazi phambi kwakhe, akeza.

18. Kananjalo amakhosikazi asePersi naseMedi ayivayo le nto yokumkanikazi, aya kuyixela kwanamhlanje kubathetheli bonke bokumkani, kwande ke ukudela noburhalarhume.

19. Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphume ilizwi lokumkani ebusweni bakhe, libhalwe emithethweni yamaPersi namaMedi, ukuze lingatshitshi, lokuba uVashti angàbi seza phambi kokumkani uAhaswerosi, ukumkani abunikele ubukumkanikazi bakhe kuwabo olungileyo kunaye.

20. Wóthi ke wakuvakala umthetho wokumkani, aya kuwenza ebukumkanini bakhe bonke (ngokuba bukhulu), bonke abafazi bawabeke amadoda abo, kuthabathele kwenkulu, kuse kwencinane.

21. Ilizwi elo lalunga emehlweni okumkani nabathetheli. Wenza ke ukumkani ngokwelizwi likaMemukan.

funda isahluko epheleleyo Uestere 1