Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 1:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. ooKarshena, noShetare, noAdemata, noTarshishe, noMeres, noMarsena, noMemukan, abathetheli abasixhenxe bamaPersi namaMedi, ababebubona ubuso bokumkani, ababehlala ezihlalweni zobukhulu ebukumkanini), wathi,

15. Ngokomthetho angénziwa ntoni na ukumkanikazi uVashti, ngenxa yokuba engalenzanga ilizwi lokumkani uAhaswerosi ngababusi?

16. Wathi uMemukan phambi kokumkani nabathetheli, UVashti ukumkanikazi akaphosise kukumkani yedwa; uphosise nakubathetheli bonke, nakwizizwe zonke ezisemazweni onke okumkani uAhaswerosi.

17. Kuba le ndawo yokumkanikazi iya kuphuma, ifikelele kubafazi bonke, adeleke amadoda abo emehlweni abo, xa kuthiwa, Ukumkani uAhaswerosi wathi makeziswe uVashti ukumkanikazi phambi kwakhe, akeza.

18. Kananjalo amakhosikazi asePersi naseMedi ayivayo le nto yokumkanikazi, aya kuyixela kwanamhlanje kubathetheli bonke bokumkani, kwande ke ukudela noburhalarhume.

19. Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphume ilizwi lokumkani ebusweni bakhe, libhalwe emithethweni yamaPersi namaMedi, ukuze lingatshitshi, lokuba uVashti angàbi seza phambi kokumkani uAhaswerosi, ukumkani abunikele ubukumkanikazi bakhe kuwabo olungileyo kunaye.

20. Wóthi ke wakuvakala umthetho wokumkani, aya kuwenza ebukumkanini bakhe bonke (ngokuba bukhulu), bonke abafazi bawabeke amadoda abo, kuthabathele kwenkulu, kuse kwencinane.

21. Ilizwi elo lalunga emehlweni okumkani nabathetheli. Wenza ke ukumkani ngokwelizwi likaMemukan.

22. Wathumela iincwadi emazweni onke kakumkani, kwilizwe ngelizwe, njengokubhala kwalo, kwizizwe ngezizwe ngokweentetho zazo, okokuba amadoda onke alawule ezindlwini zawo, athethe ngentetho yakowawo.

funda isahluko epheleleyo Uestere 1