Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 1:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kwathi ngemihla ka-Ahaswerosi (lo Ahaswerosi ke ubengukumkani, ethabathela eIndiya, wezisa kwaKushi: kumazwe alikhulu elinamanci mabini anesixhenxe),

2. ngaloo mihla, xa wayehleli ukumkani uAhaswerosi etroneni yobukumkani bakhe, eseShushan komkhulu,

3. ngomnyaka wesithathu wobukumkani bakhe, wabenzela isidlo bonke abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe; xa impi yamaPersi neyamaMedi, amawaba nabathetheli bamazwe,

4. bebephambi kwakhe; akubon' ukuba ubonisa abantu ubutyebi obuzukileyo bobukumkani bakhe, nesihombo esinqabileyo sobukhulu bakhe imihla emininzi, imihla elikhulu elinamanci asibhozo.

5. Ekuzalisekeni kwaloo mihla, ukumkani wabenzela isidlo bonke abantu abafumaneka eShushan komkhulu, kwathabathela kwabakhulu, kwesa kwabancinane, imihla yasixhenxe, entendelezweni yomyezo wendlu yokumkani.

6. Amalengalenga ayengawelinen emhlophe, necikizekileyo, nemsi, ebotshwe ngeentsontelo zelinen ecikizekileyo nemfusa kumakhonkco esilivere, nakwiintsika zemarmore* emhlophe; izingqengqelo izezegolide nezesilivere, phezu kombekelelo wamatye aluhlaza, namhlophe, naziiperile,* namnyama.

7. Kwaye kuselwa ngeempahla zegolide, ziziimpahla ngeempahla; ininzi iwayini yakomkhulu ngokwamandla okumkani.

8. Ukusela kwaye kungokomthetho kungekho unyanzelayo: kuba wenjenjalo ukumkani ukumisela zonke izikhulu zendlu yakhe, ukuba enze elowo nalowo ngokuzithandela kwakhe.

funda isahluko epheleleyo Uestere 1