Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 9:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka wokuqala kaDariyo unyana ka-Ahaswerosi, wasembewini yamaMedi, owaba ngukumkani phezu kobukumkani bamaKaledi,

2. ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, mna, Daniyeli, ndaqonda ngazo iincwadi inani leminyaka, elafikayo ngayo ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, ukuba kuzalìswe iminyaka emashumi asixhenxe ngokusingisele kumanxuwa eYerusalem.

3. Ndabubhekisa ubuso bam kwiNkosi yam uThixo, ukuba ndifune imithandazo nezitarhuziso, ndizila ukudla, ndinezirhwexayo nothuthu.

4. Ndathandaza ke kuYehova uThixo wam, ndavuma ndathi, Awu! Nkosi, Thixo omkhulu owoyikekayo, obagcinela umnqophiso nenceba abo bamthandayo, bayigcinayo imithetho yakhe,

5. sònile, senzé ngobugwenxa, senzé okungendawo; sigwilikile, siphambukile emithethweni yakho, nasemasikweni akho.

6. Asibaphulaphulanga abakhonzi bakho, abaprofeti ababethetha egameni lakho kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo, nakubo bonke abantu belizwe.

7. Nkosi, bukuwe ubulungisa; kúthi kukudana kobuso, njengoko kunjalo namhla, kumadoda akwaYuda, kubemi baseYerusalem, kumaSirayeli onke, akufuphi nakude, emazweni onke, apho wawagxothela khona ngenxa yobumenemene bawo, awamenezayo ngabo kuwe.

8. Nkosi, kúthi kukudana kobuso, kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo; ngokuba sonile kuwe.

9. ENkosini uThixo wethu yimfesane, noxolelo, kuba sigwilikile kuye.

10. Asiliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wethu, ukuba sihambe ngemiyalelo yakhe, abeyibeke phambi kwethu ngabakhonzi bakhe, abaprofeti.

11. Onke amaSirayeli awugqithile umyalelo wakho; atyekile ukuba angaliphulaphuli izwi lakho. Siphalazekile ke phezu kwethu isiqalekiso nesifungo, esibhaliweyo emyalelweni kaMoses umkhonzi kaThixo; kuba sònile kuye.

12. Wáwamisa ke amazwi akhe, abewathethile ngathi, nangabagwebi bethu ababesigweba, ngokusizisela ububi obukhulu, obungenziwanga phantsi kwezulu lonke, njengoko benziweyo kwiYerusalem.

13. Njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, bonke ububi busizèle. Ke asimbongozanga uYehova uThixo wethu, ukuba sibuye ebugwenxeni bethu, sibe ngabanokuqiqa ngenyaniso yakho.

14. Wabuphaphela ke uYehova ububi, wasizisela bona; kuba uYehova uThixo wethu elungisa ekwenzeni kwakhe konke akwenzayo; ke asiliphulaphulanga ilizwi lakhe.

15. Kaloku ke, Nkosi Thixo wethu, owabakhuphayo abantu bakho ezweni laseYiputa ngesandla esithe nkqi, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla, sonile, senzé okungendawo.

16. Nkosi, ngokwemisebenzi yakho yonke yobulungisa, mawukhe ubuye umsindo wakho, nobushushu bakho, kumzi wakho iYerusalem, kwintaba yakho engcwele; kuba, ngezono zethu nangobugwenxa boobawo, iYerusalem nabantu bakho basisingcikivo kuba bonke abasijikelezileyo.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 9