Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 8:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Yaya yafika enkunzini yegusha, umnini-mpondo-mbini, endiyibone imi phambi komlambo, yagidimela kuyo ke ngobushushu bamandla ayo.

7. Ndayibona ifika ecaleni lenkunzi yegusha, yayijamela, yayityhomfa inkunzi yegusha, yazaphula iimpondo zayo zombini. Yayingenamandla inkunzi yegusha ukuma phambi kwayo; yayingqula emhlabeni, yayinyhasha, akwabakho bani unokuyihlangula inkunzi yegusha emandleni ayo.

8. Inkunzi yebhokhwe yakhula ngokuncamisileyo; ke, yakuba namandla, lwaphuka uphondo olukhulu; esikhundleni salo kwavela eziné ezibonakalayo, zabheka emimoyeni yominé yasezulwini.

9. Kolunye kuzo kwaphuma uphondo luluncinane, lwaba lukhulu ngokuncamisileyo, lwabheka ngasezantsi, nangasempumalanga, nangasezweni eliligugu.

10. Lwakhula lwada lwesa kumkhosi wezulu, lwayiwisa emhlabeni inxenye yomkhosi lowo weenkwenkwezi, lwayinyhasha.

11. Lwazikhulisa, lwada lwesa kumthetheli-mkhosi lowo, lwasusa kuye inkonzo yamaxesha onke; nendawo yengcwele yakhe yawiswa phantsi.

12. Umkhosi unikelwe kulo, kunye nenkonzo yamaxesha onke, ngenxa yesikreqo; inyaniso lwayiwisela phantsi emhlabeni, lwenza lwaba nempumelelo.

13. Ndamva ongcwele ethetha; wathi ke omnye ongcwele kulowo ubethetha, Ngowomzuzu ongakanani na umbono lowo wenkonzo yamaxesha onke, nowesikreqo esiphanzisayo, ukunikelwa oko kwengcwele nomkhosi lowo ekunyhashweni?

14. Wathi kum, Koda kube kukuhlwa, kusisa, okungamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukulungiswa ingcwele.

15. Kwathi, ndakuwubona umbono, mna Daniyeli, ndafuna ukuqonda; nanko kumi phambi kwam okungathi kuyimbonakalo yendoda.

16. Ndeva ilizwi lomntu phakathi kweenxweme zeUlayi, labiza lathi, Gabriyeli,* mqondise imbonakalo.

17. Weza kweli cala ndimi kulo. Akuza ndóyika, ndawa ngobuso; wathi kum, Qonda, nyana womntu; ngokuba umbono lo usingise kwixesha lokuphela.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 8