Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 8:15-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Kwathi, ndakuwubona umbono, mna Daniyeli, ndafuna ukuqonda; nanko kumi phambi kwam okungathi kuyimbonakalo yendoda.

16. Ndeva ilizwi lomntu phakathi kweenxweme zeUlayi, labiza lathi, Gabriyeli,* mqondise imbonakalo.

17. Weza kweli cala ndimi kulo. Akuza ndóyika, ndawa ngobuso; wathi kum, Qonda, nyana womntu; ngokuba umbono lo usingise kwixesha lokuphela.

18. Ke kaloku, ekuthetheni kwakhe nam, ndawa isiduli ngobuso emhlabeni; wandichukumisa, wandimisa endaweni yokuma kwam.

19. Wathi, Yabona, ndiya kwazisa okuya kubakho ekupheleni kobhavumo; ngokuba umbono uya kwixesha elimisiweyo lokuphela.

20. Inkunzi yegusha oyibonileyo ineempondo ezimbini, ngokumkani bamaMedi nabamaPersi;

21. nenkunzi yebhokhwe exhonti ngukumkani wakwaYavan;* uphondo olukhulu oluphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala.

22. Ukwaphuka oku, kumè zibe né esikhundleni salo, kukuthi, kuya kusuka kume izikumkani eziné eluhlangeni, kungabi ngamandla alo ke.

23. Ekupheleni kobukumkani babo, bakubon' ukuba bazalisile abakreqi, kuya kusuka kume ukumkani, obuso bungwanyalala, obaziyo ubuqhetseba;

24. omelele amandla akhe, kodwa kungabi ngamandla akhe; ke úya konakalisa ngokubalulekileyo, abe nempumelelo, afeze, abatshabalalise abomeleleyo nabantu babangcwele.

25. Ngenxa yobuqhokolo bakhe, yoba nempumelelo inkohliso ngesandla sakhe, azenze mkhulu entliziyweni yakhe, abatshabalalise abaninzi ngokwalama, asukele phezulu kumthetheli wabathetheli, aphulwe, ke kungabi ngasandla.

26. Umbono wokuhlwa kusisa okhankanyiweyo uyinyaniso. Wena ke, uze uwuvalele umbono; ngokuba úya kwimihla emininzi.

27. Mna Daniyeli ndaphela, ndaneentsuku ndisifa; ndavuka, ndayenza imicimbi yokumkani. Ndamangaliswa yimbonakalo leyo; kwakungekho uyiqondayo.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 8