Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 8:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka wesithathu wokulawula kukaBheleshatsare ukumkani, kwabonakala kum, mna Daniyeli, umbono emva kwalowa wabonakalayo kum matanci.

2. Ndabona embonweni, kwathi, ekuboneni kwam, ndaba ndiseShushan komkhulu, esezweni lakwaElam; ndabona embonweni, ndangasemlanjeni oyiUlayi.

3. Ndaphakamisa amehlo am, ndabona, nanko kumi phambi komlambo inkunzi yegusha, ineempondo ezimbini. Ezi mpondo zombini zinde, olunye ke lulude kunolunye; olu lude lwavela mva.

4. Ndayibona inkunzi yegusha ihlaba, ibhekisa entshonalanga, nasentla, nasezantsi; zonke izinto eziphilileyo azaba nakuma phambi kwayo, akwabakho unokuhlangula esandleni sayo. Yenza ngokukholekileyo kuyo, yakhula.

5. Mna ke ndisaqonda, nanko kuvela inkunzi yebhokhwe entshonalanga, ihamba phezu kwehlabathi lonke, ingafiki phantsi; inkunzi ke yebhokhwe ibinophondo olubonakalayo phakathi kwamehlo ayo.

6. Yaya yafika enkunzini yegusha, umnini-mpondo-mbini, endiyibone imi phambi komlambo, yagidimela kuyo ke ngobushushu bamandla ayo.

7. Ndayibona ifika ecaleni lenkunzi yegusha, yayijamela, yayityhomfa inkunzi yegusha, yazaphula iimpondo zayo zombini. Yayingenamandla inkunzi yegusha ukuma phambi kwayo; yayingqula emhlabeni, yayinyhasha, akwabakho bani unokuyihlangula inkunzi yegusha emandleni ayo.

8. Inkunzi yebhokhwe yakhula ngokuncamisileyo; ke, yakuba namandla, lwaphuka uphondo olukhulu; esikhundleni salo kwavela eziné ezibonakalayo, zabheka emimoyeni yominé yasezulwini.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 8