Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 7:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Emveni koko ndabona: nalo elinye, linjengengwe, linamaphiko entaka amané emhlana walo, lineentloko eziné; irhamncwa elo lanikwa igunya.

7. Emveni koko ndabona emibonweni yasebusuku: nalo irhamncwa lesiné, eloyikekayo, elomeleleyo, elincamisileyo ngamandla, elimazinyo makhulu esinyithi, lisidla, liyicola, liyinyathela ngeenyawo zalo into eseleyo; laye lingafani nawo onke amarhamncwa abengaphambili kwalo; lineempondo ezilishumi.

8. Ndaziqiqa iimpondo, ndabona kunyuka phakathi kwazo olunye uphondo, luluncinane, ekwancothulwa phambi kwalo ezintathu kwezokuqala iimpondo. Nanko ke, kukho kolu phondo amehlo anjengamehlo omntu, nomlomo uthetha izinto ezinkulu kakhulu.

9. Ndabona, zada zamiswa iitrone, wahlala uNyangelemihla; isambatho sakhe simhlophe njengekhephu, neenwele zentloko yakhe zinjengoboya bezimvu obunyulu, itrone yakhe ingamalangatye, iivili zayo ngumlilo olenyayo.

10. Kwaphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe; abagwebi bahlala phantsi, iincwadi zavulwa.

11. Ndabona; ndaza ngenxa yesandi samazwi amakhulu kakhulu olwawathethayo uphondo, ndabona, lada labulawa irhamncwa, wabhujiswa umzimba walo, wanikelwa emlilweni úvutha.

12. Amanye ke amarhamncwa ahlùthwa igunya lawo; noko ke bolulelwa ubomi okwethutyana nexeshana.

13. Ndabona emibonweni yasebusuku: nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe.

14. Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.

15. Umoya wam, mna Daniyeli, wazibhijabhija phakathi komzimba, nemibono yentloko yam yandikhwankqisa.

16. Ndasondela komnye wababemi khona, ukuba ndicele kuye inyaniso ngezo zinto zonke; wathetha kum, ukuze andazise ukutyhilwa kwezinto.

17. La marhamncwa makhulu kakhulu mané ngookumkani abané, abaya kusuka beme ehlabathini.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 7