Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 7:11-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ndabona; ndaza ngenxa yesandi samazwi amakhulu kakhulu olwawathethayo uphondo, ndabona, lada labulawa irhamncwa, wabhujiswa umzimba walo, wanikelwa emlilweni úvutha.

12. Amanye ke amarhamncwa ahlùthwa igunya lawo; noko ke bolulelwa ubomi okwethutyana nexeshana.

13. Ndabona emibonweni yasebusuku: nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe.

14. Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.

15. Umoya wam, mna Daniyeli, wazibhijabhija phakathi komzimba, nemibono yentloko yam yandikhwankqisa.

16. Ndasondela komnye wababemi khona, ukuba ndicele kuye inyaniso ngezo zinto zonke; wathetha kum, ukuze andazise ukutyhilwa kwezinto.

17. La marhamncwa makhulu kakhulu mané ngookumkani abané, abaya kusuka beme ehlabathini.

18. Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni, babumé ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade.

19. Ndaza ndanga ndingáyazi inyaniso ngeli rhamncwa lesiné, elingafaniyo namanye onke, elincamisileyo ngokoyikeka, elimazinyo asisinyithi, elimathupha alubhedu, eladla, lacola, layinyathela ngeenyawo into eseleyo;

20. nangeempondo ezilishumi ezibe zisentlokweni yalo, nangolunye olwavelayo, ezawa phambi kwalo ezintathu; olo phondo lùbe lunamehlo, nomlomo obe uthetha izinto ezinkulu kakhulu; ukubonakala kwalo bekukukhulu ngaphezu kwamadlelane alo.

21. Ndabona ukulwa kolu phondo nabangcwele, lwabeyisa;

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 7