Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 6:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwakholeka kuDariyo ukumisa phezu kobukumkani iirhuluneli ezilikhulu elinamashumi amabini, ukuze zibe sebukumkanini bonke.

2. Wamisa phezu kwazo ezo abongameli babathathu, omnye kubo inguDaniyeli, ukuze iirhuluneli zinike ingxelo kubo, aze ukumkani angabi nankxwaleko.

3. Waza lo Daniyeli wabongamela abongameli nabaziirhuluneli, ngokokuba egqithisele kubongameli ngomoya omhle; ukumkani wacinga ngokummisa phezu kobukumkani bonke.

4. Baza abongameli nabaziirhuluneli bafuna, ukuba bafumane ithuba ngakuDaniyeli mayela nobukumkani. Ke ababanga nako ukufumana nalinye ithuba, nantlondi imbi, ngenxa enokuba ebethembekile; bekungafumaneki nanye imposiso nantlondi imbi kuye.

5. Aza loo madoda athi, Asiyi kufumana nalinye ithuba ngakulo Daniyeli, ngaphandle kokuba silifumane kuye mayela nomthetho woThixo wakhe.

6. Baza abo bangabongameli nabaziirhuluneli beza kukumkani bedlongozela, batsho kuye ukuthi, Kumkani Dariyo, phila ngonaphakade!

7. Bonke abongameli bobukumkani, nabathetheli bomkhosi, neerhuluneli, namaphakathi, namabamba, bavumelene ngecebo lokuba ukumkani amise ummiselo, aqinise isalelo sokuthi: Bonke abathandaza umthandazo nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama.

8. Kaloku ke, kumkani, síqinise isalelo, uwubhale umbhalo, ongenakuguqulwa wona, ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiwa bani.

9. Ngenxa yoko ukumkani uDariyo wawubhala umbhalo lowo, isalelo eso.

10. Ke kaloku uDaniyeli, ákwazi ukuba umbhalo lowo ubhaliwe, wangena endlwini yakhe; ibe neefestile zivulekile egumbini lakhe eliphezulu, elikhangele eYerusalem. Waguqa ngamadolo akhe izihlandlo ezithathu ngemini, wathandaza, wabulela phambi koThixo wakhe, ngenxa enokuba ebesenjenjalo kakade.

11. Aza adlongoza la madoda, amfumana uDaniyeli ethandaza, etarhuzisa phambi koThixo wakhe.

12. Ezo asondela, athetha phambi kokumkani ngesalelo sokumkani, athi, Àkusibhalanga na isalelo sokuthi: Bonke abathandaza nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama? Waphendula ukumkani wathi, Loo nto iqinisekile ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiswa bani wona.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 6