Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 5:2-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. UBheleshatsare, akuyiva iwayini, wathi maziziswe iimpahla zegolide nezesilivere, abezithimbile uNebhukadenetsare uyise etempileni eseYerusalem, ukuze asele ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, namakhosikazi akhe, namashweshwe akhe.

3. Baza bazizisa iimpahla zegolide, ezazithinjwe etempileni yendlu kaThixo eseYerusalem. Wasela ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, namakhosikazi akhe, namashweshwe akhe.

4. Basela iwayini, babancoma oothixo begolide, nabesilivere, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye.

5. Kwaoko kwavela iminwe yesandla somntu, yabhala malunga nesiphatho sesibane, efutheni lodonga lwebhotwe lobukumkani; ukumkani wakubona ukuphela kwesandla esibhalayo.

6. Laza laguquka ibala lobuso bokumkani, zamngqungisa izicamango zakhe, amalungu esinqe sakhe acombuluka, namadolo akhe abethabethana.

7. Ukumkani wadanduluka ngamandla, ukuba baziswe abakhwitsi, namaKaledi, namatola. Waphendula ukumkani, wathi kwizilumko zaseBhabheli, Othe wawulesa lo mbhalo, wakuxela kum ukutyhilwa kwawo, uya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe, abe ngowabathathu abanegunya ebukumkanini obu.

8. Zaza zafika zonke izilumko zokumkani; ke azaba nako ukuwulesa umbhalo, nokumazisa ukumkani ukutyhilwa kwawo.

9. Waza uBheleshatsare ukumkani wakhathazeka kakhulu, laguquka ibala lobuso bakhe, nezikhulu zakhe zadubadubeka.

10. Ukumkanikazi, unina, ngenxa yamazwi okumkani nezikhulu zakhe, wangena endlwini yomgidi. Ukumkanikazi unina waphendula wathi, Kumkani, phila ngonaphakade! Izicamango zakho mazingakukhathazi, lingaguquki ibala lobuso bakho.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 5