Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 5:16-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Mna ndivile ke ngawe, ukuba unako ukutyityhila into, ucombulule namaqhina. Ukuba ke uthe wanako ukuwulesa lo mbhalo, nokundazisa ukutyhilwa kwawo, ùya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakho, ube ngowabathathu ebukumkanini abanegunya.

17. Waza waphendula uDaniyeli, wathi phambi kokumkani, Izipho zakho mazihlale kuwe, imivuzo yakho uyinike omnye; kodwa ndiya kuwulesa lo mbhalo kukumkani, ndimazise ukutyhilwa kwawo.

18. Wena kumkani, uThixo Osenyangweni wamnika uNebhukadenetsare uyihlo ubukumkani, nobukhulu, nobuhandiba, nobungangamsha.

19. Ngenxa yobukhulu ke awabunikwayo, zadidizela zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zothuka phambi kwakhe. Lowo wathanda ukumbulala, wambulala; lowo wathanda ukumyeka aphile, wamyeka waphila; lowo wathanda ukumphakamisa, wamphakamisa; lowo wathanda ukumthoba, wamthoba.

20. Ke xeshikweni intliziyo yakhe yaziphakamisayo, umoya wakhe waqinayo, wakhukhumalayo, wesuka wahliswa etroneni yobukumkani bakhe, nobuhandiba bakhe basuswa kuye.

21. Wagxothwa koonyana babantu, intliziyo yakhe yaba njengeyeenkomo, nekhaya lakhe laba semaesileni asendle, wadliswa utyani njengeenkomo, wanyakamiswa umzimba wakhe ngumbethe wezulu, wada wazi, ukuba uThixo Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, amise phezu kwabo lowo athanda ukummisa.

22. Wena ke nyana wakhe, Bheleshatsare, akuyithobanga intliziyo yakho, nakuba ubukwazi oko konke.

23. Ùziphakamisile ngaphezu, kweNkosi yamazulu, neempahla zendlu yayo zaziswa phambi kwakho, wena nezikhulu zakho, namakhosikazi akho, namashweshwe akho; nasela iwayini ngazo. Wancoma oothixo besilivere, nabegolide, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye, abangaboniyo, abangevayo, abangaziyo. Ke uThixo lowo, kùsesandleni sakhe ukuphefumla kwakho, onazo zonke iindlela zakho, akumbekanga.

24. Waza wathuma, kwavela kuye oko kuphela kwesandla, lo mbhalo ke wàwubhaliwe.

25. Nangu ke loo mbhalo wàwubhaliwe: MENE, MENE, TEKELE, UFARSIN.

26. Nanku ukutyhilwa kwale nto: elokuba MENE lithi, UThixo ububalile ubukumkani bakho, wabuphelisa.

27. Elokuba TEKELE lithi, Wena ulinganisiwe esikalini,* wafunyanwa ulula.

28. Elokuba PERES lithi, Buyahlulwa ubukumkani bakho, bunikwe amaMedi namaPersi.

29. Waza uBheleshatsare wayalela, bamnxiba uDaniyeli iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe; bamemeza ngaye ngelithi, úya kuba ngowabathathu onegunya ebukumkanini.

30. Kwangobo busuku wabulawa uBheleshatsare ukumkani wamaKaledi.

31. UDariyo, umMedi, wabuthabatha ubukumkani, eminyaka ikumashumi omathandathu anamibini ezelwe.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 5