Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:18-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Elo phupha ndilibonile, mna kumkani Nebhukadenetsare. Wena ke, Bheletshatsare, lítyhile ke, ngenxa enokuba zonke izilumko zobukumkani bam zingenako ukundazisa ukutyhilwa kwalo; ube ke wena unako, ngokuba ùnomoya woothixo abangcwele.

19. Waza uDaniyeli, ogama linguBheletshatsare, wamangaliswa umzuzwana, nezicamango zakhe zamkhwankqisa. Waphendula ukumkani wathi, Bheletshatsare, iphupha nokutyhilwa kwalo malingakukhathazi. UBheletshatsare waphendula wathi, Nkosi yam, iphupha malisingisele kwabakuthiyileyo, nokutyhilwa kwalo kwabakuzondayo.

20. Umthi owubonileyo, owakhuláyo womelela, okuphakama kwawo kwafikelelayo ezulwini, wabonwa ehlabathini lonke;

21. omagqabi ayemahle, oziqhamo bezizininzi, obunokudla okwanele izinto zonke, awahlala phantsi kwawo amarhamncwa asendle, ezaba neendlu emasebeni awo iintaka zezulu:

22. nguwe lowo, kumkani, ùthe wakhula, womelela; ùbukhulu bakho bukhulileyo bafika ezulwini, negunya lakho ekupheleni kwehlabathi.

23. Le nto yokuba ukumkani ebone umlindi ongoyingcwele esihla emazulwini, esithi, Wugawuleni lo mthi, niwonakalise; kodwa isiphunzi esineengcambu zawo, sishiyeni emhlabeni, síphanjiwe ngesinyithi nobhedu eluhlazeni lwasendle; sinyakamiswe ngumbethe wezulu, ahlulelane neenkomo ngotyani, kude kudlule phezu kwakhe amaxesha amisiweyo asixhenxe:

24. nanku ukutyhilwa kwako, kumkani; nantsi ingqibo yOsenyangweni eya kuyifikela inkosi yam ukumkani:

25. ùya kugxothwa ebantwini, libe kumarhamncwa asendle ikhaya lakho, udliswe utyani njengeenkomo, unyakamiswe ngumbethe wezulu, kudlule phezu kwakho amaxesha amisiweyo asixhenxe, ude wazi ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, ebunika lowo athanda ukumnika.

26. Le nto kuthiwe isiphunzi esineengcambu zomthi, masishiywe, ithi, ubukumkani bakho buya kuqiniselwa kuwe, kwaoko wakùthi wazi ukuba amazulu anegunya.

27. Ngako oko, kumkani, icebo lam malikholeke kuwe, uzaphule izono zakho ngobulungisa, nobugwenxa bakho ngokubababala abaziintsizana, ukuba kungà kungoluka ukuchulumacha kwakho.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4