Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:14-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wadanduluka ngamandla, watsho ukuthi, Wúgawuleni lo mthi, niwanqumle amasebe awo, niwaqhawule amagqabi awo, nizichithachithe iziqhamo zawo. Makabaleke emke phantsi kwawo amarhamncwa, neentaka emasebeni awo.

15. Kodwa ke isiphunzi esineengcambu zawo sishiyeni emhlabeni, síphanjiwe ngesinyithi nobhedu eluhlazeni lwasendle. Masinyakamiswe ngumbethe wezulu; makahlulelane neenkomo ngotyani bomhlaba.

16. Intliziyo yakhe mayisuke ingabi yeyomntu, anikwe intliziyo yenkomo; kudlule amaxesha amisiweyo abe sixhenxe phezu kwakhe.

17. Umyalezo lo ukho ngengqibo yabalindi, umcimbi lo lilizwi labayingcwele; ngokokuze bazi abahleliyo, ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, abùnike lowo athanda ukumnika, amise ophantsi ebantwini phezu kwabo.

18. Elo phupha ndilibonile, mna kumkani Nebhukadenetsare. Wena ke, Bheletshatsare, lítyhile ke, ngenxa enokuba zonke izilumko zobukumkani bam zingenako ukundazisa ukutyhilwa kwalo; ube ke wena unako, ngokuba ùnomoya woothixo abangcwele.

19. Waza uDaniyeli, ogama linguBheletshatsare, wamangaliswa umzuzwana, nezicamango zakhe zamkhwankqisa. Waphendula ukumkani wathi, Bheletshatsare, iphupha nokutyhilwa kwalo malingakukhathazi. UBheletshatsare waphendula wathi, Nkosi yam, iphupha malisingisele kwabakuthiyileyo, nokutyhilwa kwalo kwabakuzondayo.

20. Umthi owubonileyo, owakhuláyo womelela, okuphakama kwawo kwafikelelayo ezulwini, wabonwa ehlabathini lonke;

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4